Scripture Stories
Isahluko 7: Ulwakhiwo Lwenqanawe


Isahluko 7

Ulwakhiwo Lwenqanawe

Umfanekiso
UNifayi

Emva kokuba usapho lukaLihayi luhleli ngaselwandle iintsuku ezininzi, iNkosi yaye yathetha noNifayi. Yamxelela ukuba akhe inqanawe yokuthwala usapho lwakhe iluse kwilizwe ledinga.

Umfanekiso
UNifayi wenza izixhobo zokusebenza

UNifayi wayengakwazi ukwenza inqanawe, kodwa iNkosi yathi izakumbonisa. Yaxelela uNifayi ukuba uya kusifumana phi na isinyithi esikrwada sokwenza izixhobo awayeziswele.

Umfanekiso
ULeymeni noLemuweli kunye noNifayi

ULeymeni noLemuweli bahlekisa ngoNifayi ngokufuna ukwakha inqanawe. Babengakholelwa ukuba iNkosi yayibonise uNifayi ukuba ayenze njani. Baye bala ukumncedisa.

Umfanekiso
UNifayi uthetha noLeymeni kunye noLemuweli

UNifayi waxelela uLeymeni noLemuweli ukuba baguquke kwaye bangavukeli. Wabakhumbuza ukuba babebone ingelosi. Wabaxelela kwakhona ukuba uThixo unamandla wokwenza zonke izinto.

Umfanekiso
ULeymeni noLemuweli bafuna ukuphosela uNifayi elwandle

ULeymeni noLemuweli babanomsindo kuNifayi baze bafuna ukumphosela elwandle.

Umfanekiso
ULeymeni noLemuweli kunye noNifayi

Njengoko babesondela kuNifayi, yena wabayalela ukuba bangamchukumisi kuba wayezaliswe ngamandla kaThixo. ULeymeni noLemuweli babesoyika kangangeentsuku ezininzi.

Umfanekiso
ULeymeni noLemuweli babuyela emva

Yaze iNkosi yaxelela uNifayi ukuba achukumise uLeymeni noLemuweli. Akwenza uNifayi, iNkosi yabothusa. ULeymeni noLemuweli bayazi into yokuba amandla kaThixo ayenoNifayi.

Umfanekiso
UNifayi

UNifayi waxelela uLeymeni noLemuweli ukuba bathobele abazali babo kwaye bathobele noThixo. UNifayi wathi ukuba banokukwenza njalo, bayakusikelelwa.

Umfanekiso
ULeymeni noLemuweli bokha inqanawe

ULeymeni noLemuweli baye baguquka kwaye banceda uNifayi ukuba akhe inqanawe.

Umfanekiso
UNifayi uyathandaza

UNifayi waya entabeni amatyeli amaninzi eyokuthandazela uncedo. INkosi yamfundisa ukuba ayakhe kanjani inqanawe.

Umfanekiso
inqanawe igqityiwe

Xa uNifayi kunye nabantakwabo begqibile ukwakha inqanawe, baye bayazi ukuba yinqanawe elungileyo yoqobo. Bambulela kuThixo ngokubanceda.

Shicilela