Isahluko 7
Ulwakhiwo Lwenqanawe
Emva kokuba usapho lukaLihayi luhleli ngaselwandle iintsuku ezininzi, iNkosi yaye yathetha noNifayi. Yamxelela ukuba akhe inqanawe yokuthwala usapho lwakhe iluse kwilizwe ledinga.
UNifayi wayengakwazi ukwenza inqanawe, kodwa iNkosi yathi izakumbonisa. Yaxelela uNifayi ukuba uya kusifumana phi na isinyithi esikrwada sokwenza izixhobo awayeziswele.
ULeymeni noLemuweli bahlekisa ngoNifayi ngokufuna ukwakha inqanawe. Babengakholelwa ukuba iNkosi yayibonise uNifayi ukuba ayenze njani. Baye bala ukumncedisa.
UNifayi waxelela uLeymeni noLemuweli ukuba baguquke kwaye bangavukeli. Wabakhumbuza ukuba babebone ingelosi. Wabaxelela kwakhona ukuba uThixo unamandla wokwenza zonke izinto.
ULeymeni noLemuweli babanomsindo kuNifayi baze bafuna ukumphosela elwandle.
Njengoko babesondela kuNifayi, yena wabayalela ukuba bangamchukumisi kuba wayezaliswe ngamandla kaThixo. ULeymeni noLemuweli babesoyika kangangeentsuku ezininzi.
Yaze iNkosi yaxelela uNifayi ukuba achukumise uLeymeni noLemuweli. Akwenza uNifayi, iNkosi yabothusa. ULeymeni noLemuweli bayazi into yokuba amandla kaThixo ayenoNifayi.
UNifayi waxelela uLeymeni noLemuweli ukuba bathobele abazali babo kwaye bathobele noThixo. UNifayi wathi ukuba banokukwenza njalo, bayakusikelelwa.
ULeymeni noLemuweli baye baguquka kwaye banceda uNifayi ukuba akhe inqanawe.
UNifayi waya entabeni amatyeli amaninzi eyokuthandazela uncedo. INkosi yamfundisa ukuba ayakhe kanjani inqanawe.
Xa uNifayi kunye nabantakwabo begqibile ukwakha inqanawe, baye bayazi ukuba yinqanawe elungileyo yoqobo. Bambulela kuThixo ngokubanceda.