Scripture Stories
Isahluko 35: UKhapteni uMoronayi kunye noPhahorani


Isahluko 35

UKhapteni uMoronayi kunye noPhahorani

Umfanekiso
UMoronayi ufunda iphepha

UKhapteni uMoronayi wonwaba akuva ukuba uHilamani kunye nomkhosi wakhe babeyithathile kwakhona imihlaba emininzi yamaNifayithi kumaLeymenayithi.

Umfanekiso
Amajoni ame eludongeni

Kodwa uHilamani nomkhosi wakhe babeswele uncedo. Bona babengenawo amajoni aneleyo okukhusela izixeko ezininzi kangako .

Umfanekiso
UKhapteni uMoronayi uyabhala

UKhapteni uMoronayi wabhala incwadi esingise kuPhahorani, umgwebi oyintloko nowayekwa ngumlawuli. Wacela uPhahorani ukuba athumele amajoni okuncedisa umkhosi kaHilamani.

Umfanekiso
AmaLeymenayithi ahlasela isixeko

AmaLeymenayithi ahlasela kwakhona isixeko samaNifayithi uHilamani awayesithathile. Abulala amaNifayithi amaninzi kwaye agxagxamisela intsalela yawo ngaphandle kwesixeko.

Umfanekiso
UMoronayi uyabhala

Enomsindo kwiinkokheli zikarhulumente ngenxa yokuba babengaluthumelanga uncedo, uMoronayi wabhala enye incwadi esingise kuPhahorani.

Umfanekiso
amajoni

UKhapteni uMoronayi wabhala ukuba abantu abaninzi babulawe ngokuba uPhahorani engazange athumele amajoni okongezelela.

Umfanekiso
UMoronayi uyabhala

Ukuba uPhahorani wayengazokuthumela amadoda nokutya ngokukhawuleza, uMoronayi wayeza kuthatha umkhosi wakhe asinge eZarahemla kwaye athathe oko kwakuswelwe ngumkhosi wakhe.

Umfanekiso
UMoronayi ufumana incwadi

Kungekudala uMoronayi wafumana incwadi esuka kuPhahorani. Wayekhathazeke kakhulu kukuba uMoronayi kunye nemikhosi yakhe besokola.

Umfanekiso
UPhahorani ubhala incwadi

UPhahorani waxelela uMoronayi ukuba iqela lamaNifayithi akhohlakeleyo elalibizwa ngabathandi-kumkani lalingafuni ukuba abe ngumgwebi oyintloko. Babemnyanzelisa kunye nabaxhasi bakhe ukuba baphume eZarahemla.

Umfanekiso
Umkhosi uqokelelana ngaphandle kwesixeko

UPhahorani wongeza ngelithi wayehlanganisa umkhosi ukuzama ukuthathela iZarahemla ngakuye kwakhona.

Umfanekiso
Ukumkani nabantu bakhe

Abathandi-kumkani babekhethe ikumkani ukuba ibe yinkokheli yabo kwaye babezimanye namaLeymenayithi.

Umfanekiso
UPhahorani ubhala incwadi

UPhahorani wayengacatshukiswa koko kwakubhalwe nguMoronayi. Ngokuba naye wayefuna amaNifayithi akhululeke.

Umfanekiso
UMoronayi ufunda incwadi

Yena wacela uMoronayi ukuba aze namadoda ambalwa ukuza kumncedisa waza wathi ukuba uMoronayi unokuthi xa esiza aqokelele amadoda aliqela, umkhosi odityanisiweyo wawunokuyithatha kwakhona iZarahemla.

Umfanekiso
UMoronayi ubambe incwadi

UKhapteni Moronayi wayevuyiswa kukuba uPhahorani wayesanyanisekile kwilizwe lakhe kwaye esafuna inkululeko yabantu bakhe.

Umfanekiso
UMoronayi namajoni

Kwambalwa wamadoda akhe, uMoronayi wayakuhlangana noPhahorani. Yena wayephethe intshinga yenkululeko, kwaye amawaka amadoda azimanya nabo endleni.

Umfanekiso
umlo kwidonga lesixeko

Umkhosi oquka okaMoronayi nokaPhahorani wasingisela eZarahemla. Wabulala ukumkani wamaNifayithi akhohlakeleyo waze wenza amanye wawo amabanjwa.

Umfanekiso
UMoronayi namajoni

UMoronayi wathumela okutyiwayo kunye nama-12,000 amajoni ukuba ayokuncedisa imikhosi yamaNifayithi. Le mikhosi yadudulela amaLeymenayithi ngaphandle, kwaye kwabakho uxolo kwakhona elizweni.

Shicilela