Isahluko 2
ULihayi Ulumkisa Abantu
Uninzi lwabantu olwaluhlala eYerusalem eminyakeni engama-600 ngaphambili kozalo lukaKrestu lwalungabenzi bobubi. UThixo wayethumele abaprofethi ukuba babaxelele ukuba baguquke, kodwa bona babengafuni ukumamela.
ULihayi wayengumprofethi. Wathandazela ukuba abantu baguquke. Xeshikweni wayethandaza, kwavela intsika yomlilo. UThixo wamxelela kwaye wambonisa uLihayi izinto ezininzi.
ULihayi wabuyela ekhaya kwaye wabanombono. Wabona uThixo engqungwe ziingelosi ezininzi. Iingelosi zazicula kwaye zidumisa uThixo.
Kumbono wakhe uLihayi wanikwa incwadi eyayichaza ngezinto ezaziza kukwenzeka kwixesha elizayo. Yena wafunda ukuba iYerusalem yayizokutshatyalaliswa kuba abantu babengabenzi bobubi.
ULihayi waxelela abantu ukuba iYerusalem yayiza kutshatyalaliswa. Kwaye wabaxelela nangokuza kukaYesu. Abantu babanomsindo kwaye bazama ukumbulala uLihayi, kodwa iNkosi yamkhusela.