Abantu bokwaziwa
- Abathandi-kumkani
-
amaNifayithi awayefuna ukulawulwa yikumkani, hayi abagwebi. Xa babengayifumani ikumkani, bazimanya namaLeymenayithi kwaye bahlasela amaNifayithi.
- abathandi-nkululeko
-
AmaNifayithi awayefuna inkululeko yokuphila kwaye banqule ngohlobo abafuna ngalo. Babelawulwa ngabagwebi, hayi ikumkani.
- Abhinadayi
-
umprofethi owayethunyelwe uyokufundisa uKumkani uNowa, owabangela u-Abhinadayi atshiswe ade afe
- Adam
-
Umntu wokuqala emhlabeni
- Alma
-
umbingeleli kaKumkani uNowa owakholelwa kwiimfundiso zika-Abhinadayi waze ngelinye ixesha kamva wayinkokheli yebandla
- Alma Omncinci
-
Unyana ka-Alma owavukela umbuso kwaye owayezama ukutshabalalisa ibandla kodwa wanotshintsho lwentliziyo kwaye waqalisa ukufundisa ivangeli. Wabayinkokheli yebandla nomgwebi oyintloko yokuqala.
- Ama-Amlisayithi
-
abalandeli baka-Amlisayi. Babeka uphawu olubomvu ezibinzuni zabo kwaye bazimanya namaLeymenayithi.
- Ama-Antayi-Nifayi-Lihayi
-
(bona Amon, abantu baka)
- amagatyana angamagorha angamawaka amabini
-
umkhosi wolutsha wabantu bama-Amonayithi owawukhokelwa nguHilamani. Babesilwa ukuze abazali babo, ababenze umnqophiso wokungalwi, ukuba bangalwi.
- AmaLeymenayithi
-
izizukulwana okanye abalandeli bakaLeymeni noLemuweli okanye abantu abaphikisana nevangeli
- Amalikhaya
-
Indoda ekhohlakeleyo eyayifuna ukuba ngukumkani wamaNifayithi kodwa wayeya kuthatha inkululeko yabantu. Xa wayengazanga wabayikumkani, wahamba ukuyo kuzimanya namaLeymenayithi.
- AmaNifayithi
-
abalandeli bakaNifayi okanye abantu abamkela ivangeli.
- Amaroni
-
indoda enobulungisa eyazinika uMormoni iimbali ukuze azagcine zikhuselekile
- AmaYeredayithi
-
Abalandeli bakaYerede nomntakwabo abashiya iBhabheli kwaye bahamba baya kwilizwe lesithembiso ngezikhephe ezincinci
- amaZoramayithi
-
abantu abakhohlakeleyo ababekhe bangamalungu ebandla likaThixo. Babethandaza phakathi kwizindlu zesikhungo kwindawo yokuma eyayibizwa ngokuba yiRameyamptam.
- Amlisayi
-
Indoda ekhohlakeleyo eyayifuna ukuba ngukumkani wamaNifayithi. Xa wayengazanga wabayikumkani, yena nabalandeli bakhe bahamba bemka, bahlasela amaNifayithi, kwaye bazimanya namaLeymenayithi.
- Amon, abantu baka
-
AmaLeymenayithi awayeguqulwe ngoonyana bakaMozaya. Abantu bangcwaba izixhobo zabo kwaye banqophisa ukuba soze balwe kwakhona.
- Amon1
-
Inkokheli yeqela lamaNifayithi avela eZarahemla awayeye kwilizwe likaNifayi kwaye yanceda amaNifayithi ekuqhwesheni apho
- Amon2
-
omnye woonyana bakaMozaya owayekhusele imfuyo kaKumkani Lamonayi kubaphangi. Wafundisa kwaye waguqula amaLeymenayithi amaninzi ngexesha lomsebenzi wobufundisi wakhe.
- Amyuleki
-
iqabane elingumvangeli lika-Alma Omncinci. Babefakwe entolongweni kodwa basebenzisa amandla kaThixo ukwenza iindonga zentolongo ziwe.
- Amyuloni
-
umbingeleli okhohlakeleyo kaKumkani uNowa owenziwa umlawuli wabantu baka-Alma. Wayebenza basebenze nzima kakhulu kwaye egrogrisa ngokubulala nabani na ofunyenwe ethandaza.
- Aron
-
unyana kakumkani uMozaya kwaye nomvangeli wamaLeymenayithi
- Bhenjamini, uKumkani
-
ikumkani elungileyo eyama enkchochoyini yafundisa abantu bayo ngoYesu Krestu
- Enoshe
-
unyana kaYakobi owathandaza imini yonke kwade kwasebusuku. Wathandezela amaNifayithi namaLeymenayithi.
- Etere
-
umprofethi owalumkisa amaYeredayithi ukuba aguquke kwaye wabhala ngentshabalalo yawo
- Eva
-
owasetyhini wokuqala emhlabeni
- Gidiyoni
-
umNifayithi olungileyo owayekhusela ibandla ngexesha uNehore wayeqalisa ukufundisa abantu ubuxoki. UNehore wambulala.
- Hagoti
-
umNifayithi owayengumakhi weenqanawe owathatha amaNifayithi amaninzi wawasa kwilizwe elingasemantla
- Hilamani
-
unyana omdala koonyana baka-Alma omcinci. Wanikwa amacwecwe kwaye waxelelwa ukuba abhale imbali yabantu bakhe. Wayeyiyo nenkokheli yamagatyana angamagorha angama-2,000.
- Himnayi
-
unyana kakumkani uMozaya kwaye nomvangeli kumaLeymenayithi.
- Ishmayeli
-
indoda yaseYerusalem eyayihamba isiya kwilizwe lesithembiso nosapho lukaLihayi. Iintombi zakhe zatshata oonyana bakaLihayi.
- Joseph Smith Jr.
-
umprofethi wemihla yokugqibela owaguqulela amacwecwe egolide eNcwadi KaMormoni
- Khorihor
-
Indoda ekhohlakeleyo eyayifuna uphawu ukubonakalisa ukuba uThixo uyaphila. UThixo wamnika uKhorihor uphawu ngokuthi athathe ilizwi lakhe.
- Koreyanthan
-
unyana ka-Alma omncinci owayenganyanisekanga kwaye engumvangeli ongalunganga
- Koriyantamri
-
ikumkani ekhohlakeleyo eyayiyeyokugqibela ukuphila kumaYeredayithi
- Labhan
-
indoda ekhohlakeleyo yaseYerusalem eyayingafuni ukunika oonyana bakaLihayi amacwecwe obhedu
- Lamonayi, Kumkani
-
ikumkani yamaLeymenayithi eyafundiswa ivangeli kwaye yayikholelwa. Amon2 wakhusela imihlambi yekumkani kubaphangi.
- Lamonayi, tata kaKumkani
-
ikumkani yamaLeymenayithi eyafundiswa ivangeli kwaye yayikholelwa. Wathi wayeyakunikela ngazo zonke izono zakhe ukuze amazi uThixo.
- Lemuweli
-
unyana okhohlakeleyo kaLihayi noSaraya
- Leymeni
-
oyena umdala koonyana bakaLihayi noSaraya. Wayekhohlakele kwaye wavukela umbuso ngokuphikisana noThixo.
- Leymeni, UKumkani
-
ikukumkani yamaLeymenayithi eyayikhohlakele eyanika uZenif nabalandeli bakhe abangamaNifayithi izixeko ezimbini kodwa ke waza wabahlasela.
- Lihayi1
-
umprofethi owalumkisa ukuba iYerusalem yayizaku tshatyalaliswa. Wamamela ngexa uThixo wayemxelela ukuba athathe usapho lwakhe asingise entlango.
- Lihayi2
-
unyana kaHilamani Yena nomntakwabo, uNifayi, bafakwa baphoselwa entolongweni kwaye barhangqwa ngumlilo.
- Limhayi, Ukumkani
-
unyana olungileyo wekumkani ekhohlakeleyo uNowa. Yena kunye nabantu bakhe babengamakhoboka amaLeymenayithi kodwa baqhwesha.
- Mariya
-
umama kaYesu
- Mormoni
-
inkokheli yemikhosi yamaNifayithi kwaye nomnye wabaprofeti bokugqibela bamaNifayithi. Waqulunqa iNcwadi kaMormoni
- Moronayi
-
unyana kaMormoni kwaye nomprofeti wamaNifayithi wokugqibela. Wangcwaba amacwecwe egolide waze ngelinye ixesha mva wabonakala kuJoseph Smith njenge ngelosi.
- Moronayi, uKhapteni
-
inkokheli elungileyo yomkhosi wamaNifayithi. Wenza intshinga yenkululeko kwaye waxelela umkhosi wakhe ukuba mawulwele inkululeko yawo.
- Mozaya, UKumkani
-
ikumkani yamaNifayithi yokugqibela. Wayenoonyana abane
- Nehore
-
indoda ekhohlakeleyo eyaphikisana ngenkalipho nebandla likaThixo. Wabulala uGidiyoni waze wabulawa.
- Nifayi1
-
unyana olungileyo kaLihayi noSaraya. Wafumana amacwecwe obhedu kuLabhani kwaye wakha inqanawa eyathatha usapho lwakhe kwilizwe lwesithembiso.
- Nifayi2
-
unyana kaHilamani. Yena nomntakwabo, uLihayi, baphoselwa entolongweni kwaye barhangqwa ngumlilo. UNifayi wabangela imbalela ukufundisa abantu ukuba mabaguquke.
- Nifayi3
-
indoda elungileyo eyabizwa nguYesu Krestu ibengumfundi wakhe kwaye ibeyinkokheli yebandla.
- Nowa, Ukumkani
-
ikumkani ekhohlakeleyo yamaNifayithi eyayithanda ubutyebi kwaye eyafundisa abantu bayo ukuba mabakhohlakale. Abantu bakhe bamtshisa wade wafa.
- Omna
-
unyana kaKumkani uMozaya kwaye nomvangeli kumaLeymenayithi
- oonyana bakaMozaya
-
Oonyana bakaKumkani uMozaya: Aron, Amon,2 Himnayi, no-Omna, ababengaba vangeli abakhaliphileyo kumaLeymenayithi.
- Phahorani
-
umgwebi oyintloko wamaNifayithi owanceda umkhokeli-mkhosi uMoronayi oyise amaNifayithi akhohlakeleyo.
- Samuweli umLeymenayithi
-
umprofethi owaprofetha kumaNifayithi ngeempawu zozalo kunye nokufa kukaYesu Krestu.
- Saraya
-
Inkosikazi 1kaLihayi
- Sem
-
unyana olungileyo kaLihayi noSaraya
- Seyantam
-
umntakwabo nombulali kaZiyezirom
- Sheremi
-
umNifayithi okhohlakeleyo owayefuna uphawu phambi kokuba akholelwe kuYesu Krestu
- Shiz
-
umYeredayithi okhohlakeleyo owakhokela umkhosi ngokuchasene noKoriyantamri kwaye wayengomnye wamaYeredayithi okugqibela aphilayo.
- Umntakwabo Yerede
-
umprofethi owacela uYesu ukuba achukumise amatye ali-16 ukuze akhanyise izikhephe ezincinci ezazisetyenziswa ngamaYeredayithi ukuya kwilizwe lwesithembiso
- Yakobi
-
unyana kaLihayi noSaraya. Waxambulisana noSheremi, owayesithi uKrestu akaphili.
- Yosefu
-
unyana olungileyo kaLihayi noSaraya owayezalelwe entlango
- Zenif
-
Inkokheli elungileyo eyathabatha iqela lamaNifayithi eZarahemla iwasa kumhlaba kaNifayi, apho babangamakhoboka kaKumkani uLeymeni okhohlakeleyo.
- Zerahemna
-
inkokheli yamaLeymenayithi eyalwa namaNifayithi kwaye eyayifuna abengamakhoboka akhe. Wasuswa isikhumba kukhakhayi kumlo ochasene nomkhosi kaKhapteni uMoronayi.
- Ziyezirom
-
umgwebi oyintloko owabulawa ngumntakwabo
- Ziyezirom
-
igqwetha elathi lanikeza imali ku-Amyuleki ukuba athi uThixo akaphili. U-Alma Omncinci wamfundisa ivangeli, waze waguquka.
- Zorami
-
isicaka sikaLabhan esahamba nosapho lukaLihayi ukuya kwilizwe lesithembiso