Scripture Stories
Abantu bokwaziwa


Abantu bokwaziwa

Abathandi-kumkani

amaNifayithi awayefuna ukulawulwa yikumkani, hayi abagwebi. Xa babengayifumani ikumkani, bazimanya namaLeymenayithi kwaye bahlasela amaNifayithi.

abathandi-nkululeko

AmaNifayithi awayefuna inkululeko yokuphila kwaye banqule ngohlobo abafuna ngalo. Babelawulwa ngabagwebi, hayi ikumkani.

Abhinadayi

umprofethi owayethunyelwe uyokufundisa uKumkani uNowa, owabangela u-Abhinadayi atshiswe ade afe

Adam

Umntu wokuqala emhlabeni

Alma

umbingeleli kaKumkani uNowa owakholelwa kwiimfundiso zika-Abhinadayi waze ngelinye ixesha kamva wayinkokheli yebandla

Alma Omncinci

Unyana ka-Alma owavukela umbuso kwaye owayezama ukutshabalalisa ibandla kodwa wanotshintsho lwentliziyo kwaye waqalisa ukufundisa ivangeli. Wabayinkokheli yebandla nomgwebi oyintloko yokuqala.

Ama-Amlisayithi

abalandeli baka-Amlisayi. Babeka uphawu olubomvu ezibinzuni zabo kwaye bazimanya namaLeymenayithi.

Ama-Antayi-Nifayi-Lihayi

(bona Amon, abantu baka)

amagatyana angamagorha angamawaka amabini

umkhosi wolutsha wabantu bama-Amonayithi owawukhokelwa nguHilamani. Babesilwa ukuze abazali babo, ababenze umnqophiso wokungalwi, ukuba bangalwi.

AmaLeymenayithi

izizukulwana okanye abalandeli bakaLeymeni noLemuweli okanye abantu abaphikisana nevangeli

Amalikhaya

Indoda ekhohlakeleyo eyayifuna ukuba ngukumkani wamaNifayithi kodwa wayeya kuthatha inkululeko yabantu. Xa wayengazanga wabayikumkani, wahamba ukuyo kuzimanya namaLeymenayithi.

AmaNifayithi

abalandeli bakaNifayi okanye abantu abamkela ivangeli.

Amaroni

indoda enobulungisa eyazinika uMormoni iimbali ukuze azagcine zikhuselekile

AmaYeredayithi

Abalandeli bakaYerede nomntakwabo abashiya iBhabheli kwaye bahamba baya kwilizwe lesithembiso ngezikhephe ezincinci

amaZoramayithi

abantu abakhohlakeleyo ababekhe bangamalungu ebandla likaThixo. Babethandaza phakathi kwizindlu zesikhungo kwindawo yokuma eyayibizwa ngokuba yiRameyamptam.

Amlisayi

Indoda ekhohlakeleyo eyayifuna ukuba ngukumkani wamaNifayithi. Xa wayengazanga wabayikumkani, yena nabalandeli bakhe bahamba bemka, bahlasela amaNifayithi, kwaye bazimanya namaLeymenayithi.

Amon, abantu baka

AmaLeymenayithi awayeguqulwe ngoonyana bakaMozaya. Abantu bangcwaba izixhobo zabo kwaye banqophisa ukuba soze balwe kwakhona.

Amon1

Inkokheli yeqela lamaNifayithi avela eZarahemla awayeye kwilizwe likaNifayi kwaye yanceda amaNifayithi ekuqhwesheni apho

Amon2

omnye woonyana bakaMozaya owayekhusele imfuyo kaKumkani Lamonayi kubaphangi. Wafundisa kwaye waguqula amaLeymenayithi amaninzi ngexesha lomsebenzi wobufundisi wakhe.

Amyuleki

iqabane elingumvangeli lika-Alma Omncinci. Babefakwe entolongweni kodwa basebenzisa amandla kaThixo ukwenza iindonga zentolongo ziwe.

Amyuloni

umbingeleli okhohlakeleyo kaKumkani uNowa owenziwa umlawuli wabantu baka-Alma. Wayebenza basebenze nzima kakhulu kwaye egrogrisa ngokubulala nabani na ofunyenwe ethandaza.

Aron

unyana kakumkani uMozaya kwaye nomvangeli wamaLeymenayithi

Bhenjamini, uKumkani

ikumkani elungileyo eyama enkchochoyini yafundisa abantu bayo ngoYesu Krestu

Enoshe

unyana kaYakobi owathandaza imini yonke kwade kwasebusuku. Wathandezela amaNifayithi namaLeymenayithi.

Etere

umprofethi owalumkisa amaYeredayithi ukuba aguquke kwaye wabhala ngentshabalalo yawo

Eva

owasetyhini wokuqala emhlabeni

Gidiyoni

umNifayithi olungileyo owayekhusela ibandla ngexesha uNehore wayeqalisa ukufundisa abantu ubuxoki. UNehore wambulala.

Hagoti

umNifayithi owayengumakhi weenqanawe owathatha amaNifayithi amaninzi wawasa kwilizwe elingasemantla

Hilamani

unyana omdala koonyana baka-Alma omcinci. Wanikwa amacwecwe kwaye waxelelwa ukuba abhale imbali yabantu bakhe. Wayeyiyo nenkokheli yamagatyana angamagorha angama-2,000.

Himnayi

unyana kakumkani uMozaya kwaye nomvangeli kumaLeymenayithi.

Ishmayeli

indoda yaseYerusalem eyayihamba isiya kwilizwe lesithembiso nosapho lukaLihayi. Iintombi zakhe zatshata oonyana bakaLihayi.

Joseph Smith Jr.

umprofethi wemihla yokugqibela owaguqulela amacwecwe egolide eNcwadi KaMormoni

Khorihor

Indoda ekhohlakeleyo eyayifuna uphawu ukubonakalisa ukuba uThixo uyaphila. UThixo wamnika uKhorihor uphawu ngokuthi athathe ilizwi lakhe.

Koreyanthan

unyana ka-Alma omncinci owayenganyanisekanga kwaye engumvangeli ongalunganga

Koriyantamri

ikumkani ekhohlakeleyo eyayiyeyokugqibela ukuphila kumaYeredayithi

Labhan

indoda ekhohlakeleyo yaseYerusalem eyayingafuni ukunika oonyana bakaLihayi amacwecwe obhedu

Lamonayi, Kumkani

ikumkani yamaLeymenayithi eyafundiswa ivangeli kwaye yayikholelwa. Amon2 wakhusela imihlambi yekumkani kubaphangi.

Lamonayi, tata kaKumkani

ikumkani yamaLeymenayithi eyafundiswa ivangeli kwaye yayikholelwa. Wathi wayeyakunikela ngazo zonke izono zakhe ukuze amazi uThixo.

Lemuweli

unyana okhohlakeleyo kaLihayi noSaraya

Leymeni

oyena umdala koonyana bakaLihayi noSaraya. Wayekhohlakele kwaye wavukela umbuso ngokuphikisana noThixo.

Leymeni, UKumkani

ikukumkani yamaLeymenayithi eyayikhohlakele eyanika uZenif nabalandeli bakhe abangamaNifayithi izixeko ezimbini kodwa ke waza wabahlasela.

Lihayi1

umprofethi owalumkisa ukuba iYerusalem yayizaku tshatyalaliswa. Wamamela ngexa uThixo wayemxelela ukuba athathe usapho lwakhe asingise entlango.

Lihayi2

unyana kaHilamani Yena nomntakwabo, uNifayi, bafakwa baphoselwa entolongweni kwaye barhangqwa ngumlilo.

Limhayi, Ukumkani

unyana olungileyo wekumkani ekhohlakeleyo uNowa. Yena kunye nabantu bakhe babengamakhoboka amaLeymenayithi kodwa baqhwesha.

Mariya

umama kaYesu

Mormoni

inkokheli yemikhosi yamaNifayithi kwaye nomnye wabaprofeti bokugqibela bamaNifayithi. Waqulunqa iNcwadi kaMormoni

Moronayi

unyana kaMormoni kwaye nomprofeti wamaNifayithi wokugqibela. Wangcwaba amacwecwe egolide waze ngelinye ixesha mva wabonakala kuJoseph Smith njenge ngelosi.

Moronayi, uKhapteni

inkokheli elungileyo yomkhosi wamaNifayithi. Wenza intshinga yenkululeko kwaye waxelela umkhosi wakhe ukuba mawulwele inkululeko yawo.

Mozaya, UKumkani

ikumkani yamaNifayithi yokugqibela. Wayenoonyana abane

Nehore

indoda ekhohlakeleyo eyaphikisana ngenkalipho nebandla likaThixo. Wabulala uGidiyoni waze wabulawa.

Nifayi1

unyana olungileyo kaLihayi noSaraya. Wafumana amacwecwe obhedu kuLabhani kwaye wakha inqanawa eyathatha usapho lwakhe kwilizwe lwesithembiso.

Nifayi2

unyana kaHilamani. Yena nomntakwabo, uLihayi, baphoselwa entolongweni kwaye barhangqwa ngumlilo. UNifayi wabangela imbalela ukufundisa abantu ukuba mabaguquke.

Nifayi3

indoda elungileyo eyabizwa nguYesu Krestu ibengumfundi wakhe kwaye ibeyinkokheli yebandla.

Nowa, Ukumkani

ikumkani ekhohlakeleyo yamaNifayithi eyayithanda ubutyebi kwaye eyafundisa abantu bayo ukuba mabakhohlakale. Abantu bakhe bamtshisa wade wafa.

Omna

unyana kaKumkani uMozaya kwaye nomvangeli kumaLeymenayithi

oonyana bakaMozaya

Oonyana bakaKumkani uMozaya: Aron, Amon,2 Himnayi, no-Omna, ababengaba vangeli abakhaliphileyo kumaLeymenayithi.

Phahorani

umgwebi oyintloko wamaNifayithi owanceda umkhokeli-mkhosi uMoronayi oyise amaNifayithi akhohlakeleyo.

Samuweli umLeymenayithi

umprofethi owaprofetha kumaNifayithi ngeempawu zozalo kunye nokufa kukaYesu Krestu.

Saraya

Inkosikazi 1kaLihayi

Sem

unyana olungileyo kaLihayi noSaraya

Seyantam

umntakwabo nombulali kaZiyezirom

Sheremi

umNifayithi okhohlakeleyo owayefuna uphawu phambi kokuba akholelwe kuYesu Krestu

Shiz

umYeredayithi okhohlakeleyo owakhokela umkhosi ngokuchasene noKoriyantamri kwaye wayengomnye wamaYeredayithi okugqibela aphilayo.

Umntakwabo Yerede

umprofethi owacela uYesu ukuba achukumise amatye ali-16 ukuze akhanyise izikhephe ezincinci ezazisetyenziswa ngamaYeredayithi ukuya kwilizwe lwesithembiso

Yakobi

unyana kaLihayi noSaraya. Waxambulisana noSheremi, owayesithi uKrestu akaphili.

Yosefu

unyana olungileyo kaLihayi noSaraya owayezalelwe entlango

Zenif

Inkokheli elungileyo eyathabatha iqela lamaNifayithi eZarahemla iwasa kumhlaba kaNifayi, apho babangamakhoboka kaKumkani uLeymeni okhohlakeleyo.

Zerahemna

inkokheli yamaLeymenayithi eyalwa namaNifayithi kwaye eyayifuna abengamakhoboka akhe. Wasuswa isikhumba kukhakhayi kumlo ochasene nomkhosi kaKhapteni uMoronayi.

Ziyezirom

umgwebi oyintloko owabulawa ngumntakwabo

Ziyezirom

igqwetha elathi lanikeza imali ku-Amyuleki ukuba athi uThixo akaphili. U-Alma Omncinci wamfundisa ivangeli, waze waguquka.

Zorami

isicaka sikaLabhan esahamba nosapho lukaLihayi ukuya kwilizwe lesithembiso

Shicilela