Scripture Stories
Isahluko 13: UZenif


Isahluko 13

UZenif

Umfanekiso
AmaNifayithi ayahamba

UZenif kunye neqela lamaNifayithi bashiya amakhaya abo eZarahemla bahamba baya kwilizwe likaNifayi, apho amanye amaNifayithi ayefudula kuhlala khona kuqala.

Umfanekiso
AmaNifayithi athetha nokumkani uLeymeni

Baye bafumana amaLeymenayithi ehlala apho. UZenif kunye nesine samadoda kumadoda akhe baya esixekweni bayokuthetha nekumkani. Baye bacela ukumkani uLeymeni ukuba babe nokuhlala kumhlaba wakhe.

Umfanekiso
Ukumkani uLeymeni

Ukumkani uLeymeni wathi babengathabatha izixeko zakhe ezibini. Ikumkani yayifuna ukuba bahlale kumhlaba wayo khon’ ukuze ibenze amakhoboka ayo.

Umfanekiso
AmaNifayithi ayatyala

Abantu bakaZenif baye bakha amakhaya kwaye balungisa iindonga ezazingqonge izixeko zabo. Baye batyala iintlobo ezininzi zeembewu kunye neziqhamo. Kwaye babenayo nemihlambi yezilwanyana.

Umfanekiso
AmaLeymenayithi ahlasela amaNifayithi

Ukumkani uLeymeni waxelela abantu bakhe ukuba amaNifayithi aye banamandla amakhulu. Kungekudala amaLeymenayithi amaninzi aye ayakuhlasela amaNifayithi kwaye aba imfuyo kunye nezivuno zawo.

Umfanekiso
AmaNifayithi ayabaleka

AmaNifayithi abalekela kwisixeko sikaNifayi. Apho uZenif waxhobisa abantu ngezaphetha kunye nangamatolo, nangamakrele, kunye nangezilingi. Aye ahamba ayokulwa namaLeymenayithi.

Umfanekiso
AmaNifayithi ayathandaza

Ngaphambili kokuba balwe, amaNifayithi aye athandaza, ecela uncedo kuThixo . UThixo wawasikelela amaNifayithi ngamandla angaphaya, kwaye awoyisa amaLeymenayithi.

Umfanekiso
abalindi neezimvu

Emva komlo uZenif waye wabeka abalindi bangqonga izixeko zamaNifayithi. Wayefuna ukukhusela abantu bakhe kunye nemfuyo yabo kumaLeymenayithi.

Umfanekiso
abafazi bayathunga

AmaNifayithi aye ahlala ngoxolo kangangeminyaka emininzi. Amadoda ayesebenza emasimini, abafazi babethunga besenza iimpahla.

Umfanekiso
umlo

Ukumkani uLeymeni waye wasweleka kwaye unyana wakhe waba yikumkani. Ikumkani entsha yaye yathumela umkhosi wayo ukuba uyokulwa namaNifayithi.

Umfanekiso
AmaNifayithi abukele amaLeymenayithi

AmaNifayithi kwakhona aye afumana amandla eNkosini. Aye abulala amaLeymenayithi amaninzi, kwaye amanye aye abaleka.

Shicilela