Isahluko 13
UZenif
UZenif kunye neqela lamaNifayithi bashiya amakhaya abo eZarahemla bahamba baya kwilizwe likaNifayi, apho amanye amaNifayithi ayefudula kuhlala khona kuqala.
Baye bafumana amaLeymenayithi ehlala apho. UZenif kunye nesine samadoda kumadoda akhe baya esixekweni bayokuthetha nekumkani. Baye bacela ukumkani uLeymeni ukuba babe nokuhlala kumhlaba wakhe.
Ukumkani uLeymeni wathi babengathabatha izixeko zakhe ezibini. Ikumkani yayifuna ukuba bahlale kumhlaba wayo khon’ ukuze ibenze amakhoboka ayo.
Abantu bakaZenif baye bakha amakhaya kwaye balungisa iindonga ezazingqonge izixeko zabo. Baye batyala iintlobo ezininzi zeembewu kunye neziqhamo. Kwaye babenayo nemihlambi yezilwanyana.
Ukumkani uLeymeni waxelela abantu bakhe ukuba amaNifayithi aye banamandla amakhulu. Kungekudala amaLeymenayithi amaninzi aye ayakuhlasela amaNifayithi kwaye aba imfuyo kunye nezivuno zawo.
AmaNifayithi abalekela kwisixeko sikaNifayi. Apho uZenif waxhobisa abantu ngezaphetha kunye nangamatolo, nangamakrele, kunye nangezilingi. Aye ahamba ayokulwa namaLeymenayithi.
Ngaphambili kokuba balwe, amaNifayithi aye athandaza, ecela uncedo kuThixo . UThixo wawasikelela amaNifayithi ngamandla angaphaya, kwaye awoyisa amaLeymenayithi.
Emva komlo uZenif waye wabeka abalindi bangqonga izixeko zamaNifayithi. Wayefuna ukukhusela abantu bakhe kunye nemfuyo yabo kumaLeymenayithi.
AmaNifayithi aye ahlala ngoxolo kangangeminyaka emininzi. Amadoda ayesebenza emasimini, abafazi babethunga besenza iimpahla.
Ukumkani uLeymeni waye wasweleka kwaye unyana wakhe waba yikumkani. Ikumkani entsha yaye yathumela umkhosi wayo ukuba uyokulwa namaNifayithi.
AmaNifayithi kwakhona aye afumana amandla eNkosini. Aye abulala amaLeymenayithi amaninzi, kwaye amanye aye abaleka.