Amabali Ezibhalo
Isahluko 36: UHagoti


Isahluko 36

UHagoti

AmaNifayithi ayahamba

Malunga nama-55 weminyaka phambi kokuzalwa kukaYesu Krestu, amawaka amadoda amaNifayithi, abafazi, kunye nabantwana bayishiya iZarahemla kwaye babheka ngasemantla.

UHagoti wakha inqanawe enkulu

Enye yamadoda eyayibizwa uHagoti, yakha inqanawe enkulu yaze yacanda kulwandle isingisa entshona.

AmaNifayithi apakisha enqanaweni enkulu

AmaNifayithi amaninzi aphatha ukutya kunye nezinye izixhobo kwaye asingisela ngasemantla ngenqanawe yakhe.

Umkhumbi emanzini

UHagoti waza wakha ezinye iinqanawe ezathuthela abantu kwilizwe elingasemantla. Inqanawe yokuqala yabuya kwaye yakhwelisa abantu abaninzi ngakumbi.

Iinqanawe ezimbini emanzini

Inqanawe nganye yacanda emanzini. Akukho nanye kwezonqanawe eyabuyayo, kwaye amaNifayithi akazange kwazi okwenzekayo kwabo bantu.