Isahluko 33
Abathandi-kumkani baphikisana nabathandi-nkululeko
Amanye amaNifayithi ayefuna umgwebi oyintloko, uPhahorani, ukuba atshintshe eminye yemithetho.
Wathi wakwala uPhahorani, abantu babanomsindo kwaye bafuna ukumsusa uPhahorani ukuba abe ngumgwebi oyintloko. Babefuna ukuba nekumkani, hayi abagwebi.
Ababebizwa ngokuba ngabathandi-kumkani, babenqwenela ukuba omnye wabo angaba ngukumkani kwaye abe negunya phezu kwabantu.
AmaNifayithi ayefuna ukugcina uPhahorani engumgwebi oyintloko ayebizwa ngokuba ngabathandi-nkululeko. Bona babefuna ukuphila ngokukhululeka kwaye banqule ngokokukhetha kwabo.
Abantu bonyula phakathi kwabathandi-nkululeko kunye nabathandi-kumkani. Uninzi lwabo lonyula abathandi-nkululeko.
Ngaxesha nye, u-Amalikhaya wayeqokelela umkhosi omkhulu wamaLeymenayithi ukuze uhlasele amaNifayithi.
Xa abathandi-kumkani besiva ukuba amaLeymenayithi ayesiza, bavuya kwaye bala ukuncedisa ukukhusela ilizwe labo.
UKhapteni Moronayi wacatshukiswa kukungalwi kwabathandi-kumkani. Wasebenza nzima ukugcina amaNifayithi ekhululekile.
Wacela kumphathi welizwe igunya lokwenza abathandi-kumkani balwe namaLeymenayithi okanye babulawe.
Akuba umphathi welizwe, uPhahorani, enike uMoronayi eli gunya, uMoronayi wawukhokela umkhosi wakhe ukuya kubathandi-kumkani.
Uninzi lwabathandi-kumkani lwabulawa, abanye bafakwa entolongweni. Intsalela yavuma ukuncedisa ekukhuseleni ilizwe layo kumaLeymenayithi.